Home Iindaba UMaspala wesithili saseSarah Baartman unikezele ngesithuthi socimo mlilo eluntwini.

    UMaspala wesithili saseSarah Baartman unikezele ngesithuthi socimo mlilo eluntwini.

    smart

    uSodolophu weSigqeba somaspala waseMakana uCllr Yandiswa Vara ekunye noSomlomo kaMasipala weSithili saseSarah Baartman uClr Nomhle Gaga ngoLwesihlanu umhla wama 27 October 2023 banikezele ngesithuthi sokucima umlilo kunye nezixhobo eziza kusetyenziswa ukulwa umlilo kuluntu lwaseRiebeek East nakwiingingqi ezingqongileyo.

    Kwakwesi siganeko abahlali baseRiebeek East, kwaNonzwakazi, baye baziswa kwiiConsultants kunye neNkampani, iGS Civils, eza kube isakha kwaye iphucula indlela yangaphakathi kwaNonzwakazi.

    Leprojekthi iza kuthatha malunga neenyanga ezili-12 ukugqitywa kwaye iya kuqesha abantu abangaphezu kwe-15.

    Eminye yale misebenzi iquka ukwakhiwa kwebhulorho, ii-colbets, inkqubo yokukhupha amanzi nokugalela iindlela.

    Ngoxanduva lwentlalontle, i-GS Civils izibophelele ekuhlaziyeni ngokutsha iindawo zangasese zebala lezemidlalo kunye nebala lebhola yomnyazi.

    Inkampani kunye noluntu bazibophelele ekusebenzisaneni ukukhusela izixhobo eziza kusetyenziswa ngalo lonke ixesha leprojekthi njengoko ubusela nokonakaliswa kunokulibazisa ukugqitywa kweprojekthi.

    smart

    OoCeba bePotfoliyo kunye noSodolophu oLawulayo baye bacela intsebenziswano kunye nokuqaphela phakathi koluntu malunga nezixhobo ezizakusebenza

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks