By Anita Qubula & Siyakholwa Vuso
Kusweleke iintsana ezintathu eMdantsane emveni kokuba betye isidudu ze bakhalaza ngokuqaqanjelwa sisisu.
USodolophu womasipala ombaxa waseBuffalo City uCllr Princess Faku uthumela amazwi ovelwano kwiintsapho zaseMdantsane ezilahlekelwe ngabantwana abathathu (3) ngenxa yokurhaneleka ukuba batye ityhefu.
Ngentsasa yangeCawe, uSodolophu weSigqeba utyelele iintsapho zabantwana abaswelekileyo. Ebekunye noceba wakwaWadi 11 uClaudia Stemele kunye namanye amagosa eBCMM.
Aba bantwana bathathu basweleke ngobusuku bangoLwesihlanu.
Okwenzekileyo kukuba unina wabantwana ababini, owesithathu ingokammelwane, baye bafuna into yokutya kuba belambile. Unina wabo wathumela umntwana ungentla kancinci kubo ngeminyaka ukub akhawuleze enzele abantwana ukutya. Wakhawuleza umntwana walungisa isidudu esiluhlobo lwe-‘Instant Porridge’, abantwana batya, kanti esi sidudu sisetyenzisiweyo besilungiselelwe ukubulala iimpuku.
Abantwana ke baye bakhalaza ngokuphathwa sisisu emveni kwemizuzu ethile betyile, omnye wabhaqwa ngunina wakhe ephuphuma amgwebu ngomlomo, wakhawuleza unina wambalekisa wamsa ekliniki. Kuthe kusenjalo, ababini emva koko bakhala ngesisu esibuhlungu, omnye kubo wayoba wawaphantsi, nabo bakhawuleziswa babalekiselwa kwa kule kliniki inye.
Ekufikeni kwabo ekliniki badibana negosa lezonyango elathi xa lixilonga lizama unyanga umfi lachaza oku kulandelayo.
Omnye wababhubhileyo ufike ekliniki ehamba nonina ekhalaza ngesisu esithi umntwana utyiswe isidudu ze emveni koko wakhalaza ngesisu esibuhlungu. Kuthe ke ugqirha esamxilonga umntwana woyisakala wabe kanti uphunyelwa ngumphefumlo.
Kwimizuzu embalwa emveni koko kwafika abantwana ababini behamba nabazali babo beqaqanjelwa sisisu esifanayo. Kwavakala ukuba nabo batye isidudu esinye nalo wokuqala ngexesha elinye. Ngexesha lophando ekliniki kwafunyanwa ukuba esi sidudu besithengwe nguyise wabantwana ababini abafike babhubha kweliziko lezempilo.
Uthe ugqirha esaphonononga le pakethi yesidudu wafumana imikhondo yeempawu ezincinci ezimnyama, ekutyholwa ukuba yityhefu yeempuku okanye yamaphela.
Bonke aba bantwana bathathu basweleke kwimizuzu embalwa befikile kwiKliniki yaseNontyatyambo kwaye sonke benesikhalazo malunga neentlungu zesisu.
Owona nobangela wokubhubha kwaba bantwana luyaphandwa. Olunye uphando oluqhutywayo ngoku kunye neengxelo ezirekhodiweyo ze-SAP 13/603/2024 zibhekisa.