11.5 C
King William's Town
Sunday, September 8, 2024

Uthathe ikhefu elikhethekileyo kwisikhundla sakhe uSomlomo wepalamente

USomlomo wepalamente uNosiviwe Mapisa-Nqakula, NgoLwesine, umhla wama-21 kweyoKwindla 2024 – uye wakhupa ingxelo Ngenxa yeentelekelelo zamva nje kunye nezityholo zokubanjwa kwakhe. Uthi uziva enyanzelekile ukuba akhuohe ingxelo echazayo ngebholo elenzeke kwikhaya lakhe.

U Mapisa-Nqakula uthi NjengoSomlomo wePalamente yesi-6 yoMzantsi Afrika, uhlonipha kakhulu inkqubo yowiso-mthetho kunye nemithetho yesizwe yeli, eminye yayo uthi ube nenyhweba yokuyipasisa. Kananjalo uthi kwingxelo yakhe uqinisekisa isizwe ngokuvuma kwakhe ukusebenzisana ngokupheleleyo nee-arhente zogcino-mthetho kuwo nawuphi na umcimbi onokuthi uvele.

Ukwathe unqwenela ukuyibeka kushicilelo ukuba ngeli lixa iCandelo loPhando leGunyabantu lezoTshutshiso lenze ugqogqo nokuhlutha kwindawo ahlala kuyo, akukhange kubekho saziso sisesikweni sencwadi egunyazisa ukubanjwa okanye unxibelelwano malunga nokubanjwa okukufuphi kuye. “Amagqwetha am, nangona kunjalo, axelele igunyabantu loTshutshiso leSizwe malunga nokulungela kwam ukuthobela kunye nokusebenzisana xa kukho imfuneko yoko.” utshilo u Mapisa-Nqakula

Uthi ngenxa yobuzaza bezi zityholo kunye noqikelelo olubanzi lwamajelo eendaba, ugqibe ekubeni athathe ikhefu elikhethekileyo kwisikhundla sakhe njengoSomlomo weNdlu yoWiso-mthetho, ngoko nangoko. Uthi esisigqibo sele sichaziwe kuNobhala wePalamente nakuMongameli weli kwisikhundla sakhe njengeNtloko yoMbuso.

U Mapisa-Nqakula uthi esi sigqibo usithathele ukukhusela isidima sePalamente nokuqinisekisa umsebenzi wayo ongcwele kunye negama layo liyaqhubeka ngaphandle kwesiphako.

“Ngako oko ke, andizukuzimasa kwakhona iSeshoni ye-148 ecwangcisiweyo yeNdibano ye-Inter-Parliamentary Union (IPU) eqhubeka eGeneva, eSwitzerland.” uqhube watsho u Mapisa-Nqakula kwingxelo yakho

“Ndikwathathe nesigqibo sokuthatha ikhefu elikhethekileyo kuMbutho wam we-African National Congress.” ulebele ngelitsho

Ndiyathemba ukuba le nkcazo iyakucacisa ukuma kwam, iqinisekisa ukuzibophelela kwam ekuxhaseni ukuthembeka kweofisi yam, kwaye ibonisa intsebenziswano yam epheleleyo kunye nenkqubo yezomthetho.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
11.5 ° C
11.5 °
11.5 °
80 %
2.1kmh
100 %
Sun
17 °
Mon
13 °
Tue
21 °
Wed
22 °
Thu
26 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks