By Esona Magawana
Umongameli wase United States uDonald Trump uthe ngolwesithathu uMzantsi Afrika akufuneki ube kwiQela lezoqoqosho ezinkulu i-G20, uthi akazukuzimasa ingqungquthela ezayo ye G20 eza kusingathwa eRhawutini ekupheleni kwale nyanga.
“UMzantsi Afrika akufuneki ukuba ube seG’s kwakhona,” utshilo uTrump kwintetho yakhe eMiami.
Umongameli uTrump ukhankanye uMzantsi Afrika kwimeko yabantu ababaleka ubukomanisi eSouth America emva koko waphinda kabini ukugxeka uMzantsi Afrika.
“Kwizizukulwana, iMiami ibiyindawo yabo babaleka ingcinezelo yamakomanisi eMzantsi Afrika. Ndithetha ukuba, ukuba ujonga into eyenzekayo kwiindawo zoMzantsi Afrika, jonga eMzantsi Afrika, kuqhubeka ntoni? Jonga e South America, kuqhubeka ntoni? Uyazi, andizukuya. Sinentlanganiso ye-G20 eMzantsi Afrika. UMzantsi Afrika akufuneki nokuba ubekho kuyo kuba le nto yenzekileyo imbi. Andiyi kwaye ndibaxelele. Andiyi kumela ilizwe lethu apho kuba akufanelekanga ukuba libekhona. ”
USekela Mongameli u-JD Vance ucwangciselwe ukuba azimase intlanganiso yeenkokeli ze-G20, ehlelelwe i 22-23 KweyeNkanga 2025 eRhawutini.
