Isiganeko esibandakanya umrhanelwa wokuphanga sibangele ukubhubha komtu ngexesha lokuzama ukubaleka ukubanjwa kubusuku bangoMvulo umhla weshumi amabini (20) kuCanzibe eHumewood.
Kutyholwa ukuba ngecala emva kwentsimbi yesibhozo (20:30), indoda eneminyaka engamashumi amathathu anesithandathu (36) ubudala iye yaphangwa umakhal’ekhukhwini wayo ikhonjwe ngompu ngamadoda amabini eBeach Road eBrookes Hill. Abarhanelwa bafune umakhal’ekhukhwini wexhoba ze babaleka, nangona kunjalo amapolisa kaMasipala abekwipatroli abona esi sehlo aleqa abarhanelwa. Umrhanelwa onamashumi amathathu anethoba (39) wabanjwa, logama omnye umrhanelwa wawulahla umpu wabaleka wanqumla indlela waya elunxwemeni. Ngexesha lokuzama ukubaleka ukubanjwa, wabalekela elwandle waza wazimela emva kwamatye amakhulu. Iingxelo zidiza ukuba ngenxa yeemeko zolwandle olumagingxigingxi, inkonzo yesipolisa kwicandelo le-Search and Rescue kwakunye neDiving Unit azikwazanga ukufikelela kuye. Ngelishwa, umzimba womrhanelwa ufunyenwe uhlanjwe lulwandle walugabhela elunxwemeni ngale ntsasa, eKings Beach.
Iselula yexhoba iye yafunyanwa kwaze kwahluthwa umpu. Umrhanelwa onamashumi amathathu anethoba (39) ubudala uvalelwe ngetyala lokuphanga exhobile. Uphando luyaqhuba.