Home Iindaba Uvele enkundleni yaseGqeberha owasetyhini malunga netyala lokubhubha konyana wakhe.

Uvele enkundleni yaseGqeberha owasetyhini malunga netyala lokubhubha konyana wakhe.

UShayhieda Dollie oneminyaka engamashumi amane anethoba (49) ubudala waseGelvandale, eGqeberha, uvele eNkundleni kaMantyi waseNew Brighton namhlanje malunga nezityholo zokubulala nokuzama ukubulala unyana wakhe oneminyaka engamashumi amabini anesibini (22) ubudala, uMoegamat Thaafir Dollie.

UShayhieda Dollie oneminyaka engamashumi amane anethoba (49) ubudala waseGelvandale, eGqeberha, uvele eNkundleni kaMantyi waseNew Brighton namhlanje malunga nezityholo zokubulala nokuzama ukubulala unyana wakhe oneminyaka engamashumi amabini anesibini (22) ubudala, uMoegamat Thaafir Dollie.

UDollie ubanga ngelithi ebengasakwazi ukunyamezela ukuhlala nonyana wakhe ngoba bebesoloko bengavisisani, lo nyana wakhe ebekwangumntu ukhotyozwa zizyobisi kunzima nokuyeka kwaye engumntu ohluphayo nasekhayeni.

Accused: Shayhieda Dollie

UDollie, obejongene nale “ngxaki”, uye wafuna iingcebiso ebantwini, abanye babo baye bacebisa ngokumsusa unomphelo okanye isisombulula esingunaphakade. Umtyholwa ke uye wenza iinzame zokuqasha abankqolobi ababini, ababizwa ngokuba nguShaun no-Oompie, abasuka eGoli bezakuhlawulwa amashumi asibhozo amawaka eerandi (R80 000), ze emva kwexesha isixa-mali sonyuke ukuyotsho kumashumi angamakhulu amathathu namashumi asibhozo amawaka eerandi (R380 000).

Eli qhinga likaDollie liye laqhuba emveni kokuba exelele unyana wakhe ukuba uzakuba nodliwano-ndlebe malunga nomsebenzi athe wamlungiselela wona, icebo elithe lakhokelela ekubhubheni konyana wakhe. Injongo ke ibikukuzuza ibango lezigidi ezimbini zeerandi (R2 000 0000 kwipolisi yobomi, ebizakusetyenziswa ekubhataleni abankqolobi ababulale unyana wabo.

Igqwetha lombuso liyasikhaba isicelo sebheyile. Ityala lihlehliselwe umhla weshumi elinesihlanu (150 kweyeNkanga 2024.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks