Iphulo lobuntlola noncedo lwamalungu eqela le-k9 eMonti livelise iziphumo ezincumisayo, emva kokuba kubanjwe indoda eneminyaka engamashumi amathathu ubudala ngenxa yokuba nezinto ezirhaneleka ukuba zibiwe kunye nokuthengisa iziyobisi eGcuwa izolo.
NgoLwesibini ngomhla wesithandathu kwe-Yesilimela ku-2023 malunga nentsimbi yeshumi elinanye ebusuku, amapolisa alandele inkcukhaca aze aya kumzi womrhanelwa kwindawo yase-Chibini phantsi kwendawo i-Mzantsi Administrative eGcuwa.
Ebudeni beliphulo kukhangelisiswe ekhayenil omrhanelwa apho bafumane umpu ongekho semthethweni (ivolovolo) ongenazimbumbulu, ishumi elinesine lemicinga yetik kenye necwecwe elinye eliopheleleyo lesiyobisi i-mandrax, iziqingatha ezintathu zeepilisi zemandrax neekota ezimbini kunye nentambo yombane engamashumi amathandathu eemitha.
Umrhanelwa uye wabanjwa wabekwa ityala ngokufanelekileyo. Uzakuvela kwinkundla kaMantyi eGcuwa ngomso ngomhla wedibhozo kwe-Yesilimela.
