35.9 C
King William's Town
Saturday, October 12, 2024

UWarrant Officer ubanjelwe ukuzama ukurhwaphiliza iRAF

Igosa lamapolisa eMpuma Koloni kunye nomtyholwa livele kwinkundla kamantyi eMonti ngoLwesithathu ngezityholo zokuqhatha iRoad Accident Fund (RAF).

Isithethi sebutho looKhetshe uKapteni Yolisa Mgolodela uthi uWarrant Officer Mandlenkosi Njekanye oneminyaka engama-50 ubudala kunye noXolani Somtsewu oneminyaka engamashumi amane anesihlanu ubudala batyholwa ngokuzama ukwenza ibango lengozi ngokutshintsha ingxelo enokuthi ibeke ecaleni iRAF kwixabiso lemali ephantse ibe zizigidi ezihlanu zeerandi. .

Uthi uSomtsewu wayengumqhubi weveni iNissan NP300 eyabandakanyeka kwingozi eyabulala abantu ngomhla wamashumi amathathu ananye kweyoMnga ngo2020 kuhola wendlela uN2 eKomga xa usingise eMonti.

UMgolodela uthi umkhweli wakhe ubhubhele kule ngozi ngethuba wophuke ingalo namanxeba ambalwa.

Uthi Warrant Officer Njekanye, othe wasabela kwindawo yengozi, uthi ingozi yenzeke ngenxa yokugqabhuka kwetayara waze wavula idokethi lophando.

Kwisithuba esingangonyaka emva kwengozi, ngokutsho kooKhetshe, abatyholwa babini baye kwisikhululo samapolisa aseKomga apho bayalela igosa elisemsebenzini ukuba litshintshe ingxelo yengozi ukuze bakwazi ukufaka ibango kwiRAF.

UMgolodela uthi eli gosa liqale lala kodwa ekugqibeleni lanyanzelwa ze unobangela wale ngozi watshintshwa waba kuhlobo olutsha lukaSomtsewu nalapho athe wajikela ebaleka imoto ezayo.

Uthi xa kufakwa isikhalazo, iRAF yaphonononga ezi nkcazo zimbini yafumanisa ukuba kukho ukungangqinelani.

Aba babini babanjwe babekwa ityala ngoLwesithathu baze bakhululwa ngebheyile ye-R500 umntu emnye.

Elityala lihlehliselwe umhla wesi-6 kweyoMnga ngo-2023.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
35.9 ° C
35.9 °
35.9 °
19 %
3.7kmh
22 %
Sat
36 °
Sun
30 °
Mon
16 °
Tue
15 °
Wed
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks