10.9 C
King William's Town
Tuesday, October 21, 2025

Uxhuzula imikhala kwisitulo sokongamela okwethutyana u-Angir Motshekga

Umphathiswa wezokhuselo kunye namagqala omkhosi uAngie Motshekga uzakusebenza njengomongameli obambeleyo ngoMgqibelo njengoko umongameli uCyril Ramaphosa kulindeleke ukuba azimase ingqungquthela yeSadc eZimbabwe.

URamaphosa uza kuba kutyelelo lomsebenzi eHarare namhlanje ukuya kuthatha inxaxheba kwiNgqungquthela yeSiqhelo yamasbumi amane anesine (44) yeeNtloko zaMazwe nooRhulumente bommandla weSadc, sitshilo isithethi sikamongameli uVincent Magwenya.

UMotshekga ufungiswe njengomongameli ngolu suku yijaji ephumayo uRaymond Zondo. Ukanti uMagwenya uthe uRamaphosa sele efikile eHarare ukuza kuphawula hayi nje isikhumbuzo seminyaka engamashumi amathathu (30) semkululeko yeli lizwe kodwa kwaneminyaka engamashumi amathathu (30) eli lizwe lingamalungu kwaye lithatha inxaxheba kwiSadc.

“URamaphosa uzakuthatha inxaxheba kwiingxoxo ezimalunga ne-ajenda yale ngqungquthela eziquka ubume begalelo lelizwe elililungu, ukhuseleko lokutya nesondlo kwingingqi, ubume bezempilo kulo mmandla, ukuphunyezwa kwesicwangciso-qhinga seSadc sokwenziwa kwemizi-mveliso kunye nemephu yendlela kwakunye nabagqatswa ukuba bangenelele. imibutho yelizwekazi nehlabathi,” utshilo uMagwenya.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
10.9 ° C
10.9 °
10.9 °
92 %
2.4kmh
0 %
Tue
25 °
Wed
31 °
Thu
38 °
Fri
26 °
Sat
17 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks