Uyalelwe ibheyile omnye wabarhanelwa abaphambili kwityala lokubulala kwiYunivesithi yaseFort Hare kwinkundla kamantyi yaseDimbaza.
UMantyi uZwelethu Ngetu ngoMvulo usikhabile isicelo sebheyile sikaIsaac Plaatjies oneminyaka engamashumi amahlanu anesithandathu, onguMlawuli woPhando kunye neeNkonzo zoHlolo kule yunivesithi.
UPlaatjies kunye nabo atyholwa nabo abalithoba bayachaphazeleka kwizenzo zokubulala umanejala wezithuthi zakweli ziko-mfundo uPetrus Roets, nonogada kasekela-Ngqonyela (VC), uMboneli Vesele, kwakunye nelokuzama ukubulala usekela-ngqonyela uNjingalwazi Sakhele Buhlungu kunye neqela lakhe uRenuka Vithal.
Ekwala ibheyile, uMantyi uZwelethu Ngetu, ufumanise ukuba uPlaatjies unetyala ekufuneka aliphendule.
Uthe uPlaatjies wohlulekile ukuchaza ukuba kutheni iselula yakhe ingumthombo wolu luhlu lwabantlithekileyo ababulawayo, namagama neefoto zabasebenzi abaphezulu bale yunivesithi.
Utata wabantwana abahlanu, owathi akanguye umngcipheko wokubaleka, kutyholwa ukuba uye wafowunela lo mntu otyholwa ngokubulala kwaye wamndwendwela apho wayehlala khona ngaphambi kubulawe uVesele.
UNgetu uchaze uPlaatjies njengomntu onobungozi nonganyanisekanga kwaye wathi angaphazamisana namangqina karhulumente, nobungqina, okanye abeke ubomi buka Sekela Ngqonyela nesekela lakhe emngciphekweni.
Kuyaqhubeka ukuviwa kwebheyile yabanye batyholwa.
