Umzimba wexhoba uNdumiso Zweni(34) welali yakwaZaka eNgqeleni ufunyenwe ekuseni ngoLwesine kufuphi neoffisi zelisebe.
Isithethi samapolisa uCaptain Welile Matyolo uthi ityala lokubulala ngaphandle kwenjongo livuliwe ngakumnikazi wezinja eNgqeleni.
“NgoLwesine ekuseni kufunyenwe indoda engunogada waseHome Affairs eNgqeleni sele iswelekile ngokubulawa zizinja zomzi okufutshane noHome affairs. Kuvulwe ityala lokubulala ngaphandle kwenjongo (Culpable Homicide) livulelwa umnikazi wezinja ezo ngokuvumela izinja ezinobungozi ziyabule,” Kutsho uCaptain Matyolo
Ngokutsho kwamapolisa, ezine kwezizinja zithathwe zasiwa elugcinweni lweSPCA logama kutyholwa ngelithi ezimbini zabulawa ngabahlali.
UCaptain Matyolo uthe” Docket lithunyelwe kubatshutshisi kwaye ngabo abazakugqiba ukuba lendoda iminyaka eyi45 mayibanjwe itshutshiswe okanye ingatshutshiswa na”
Eli phephandaba litsalele umnxeba ilungu losapho namhlanje ukuva banzi ngesiganeko. Ilungu losapho esincokole nalo lithe” Inkqubo yezobulungisa mayiqhube.
“Usapho lwezizinja ezibulele umntwana wethu lufikile ekhaya lwacela ukuncedisa kumalungiselelo omngcwabo. Umzekelo umzimba bawuthathile wayogcinwa emkhenkceni wabo savuma. Sisajongile ezinye izinto abathembise ngokuzenza kumalungiselelo omngcwabo”
Ukanti naye umasipala waseNyandeni ubongoze abafuyi bezinja ukuba bathathe uxanduva banonophelele izilwanyana zabo ukunqanda iziganeko ezifana nesi.
Ixhoba kulindeleke lingcwatywe kulempela veki kwilali yakwaZaka eNgqeleni.