UMphathiswa wezoKhuseleko loLuntu kwiPhondo leMpuma Koloni, uXolile Nqatha uzakundwendwela inkundla kamantyi yaseQumrha namhlanje ngeenjongo zokuxhasa inenekazi(17) elafumana impatho-gadalala nodlwengulo kwisikhululo samapolisa eQumrha.
Kutyholwa ukuba lipolisa(45) laseKei Mouth kwiMpuma Koloni elazithathela kumhlaba ongezantsi kwinenekazi laseKei Mouth ngethuba, elipolisa liyomlanda ekhaya ukuze lichaze inkcukhacha ngokwamehlelayo kanti ipolisa lizakumdlwengula ngomhla we(6 August 2022)kanye kwiintsuku ezintathu kuphela ngaphambi koSuku lwaBasetyhini.
Elibhinqa liselula laliye kwisikhululo samapolisa ukuya kuvula ityala lokubethwa kwalo ngumfana ancuma naye. Kuvakala ukuba ipolisa eli laya kwikhaya lexhoba liyokumthatha umtwana ukuze agqibezele ngetyala alivulele isoka lake. Endleleni ipolisa lazama ukuplita umtwana akavuma, wangena naye eOfisini yesikhululo apho ande ngokundlwengula endaweni yokuba afumane uncedo ebelufuna.
UMphathuswa kengoko ukubone kubalulekile ukuba avele ezokunika inkxaso kwelinenekazi, esikhalimela isenzo seli gosa. UMphathiswa uNqatha ukwancome amapolisa ngenyathelo lawo elikhawulezileyo lokubamba kwa ugxa wabo.
“Siyiqhwabela izandla iSAPS ngokungasibeki ngqalelo izama ukufihla xa kusithiwa wonile omnye wabo. Sibaqhwabela izandla ngokukwazi ukuzicoca nokujongana nezinto ezikhohlakeleyo ngaphakathi.”
“Umceli mngeni ngoku ukwinkqubo yobulungisa kulwaphulo-mthetho ukuba ibonelele ngobulungisa kwixhoba, hayi kwityala elibandakanya ipolisa kuphela, kodwa kwityala lokubetha belisesikhululweni ukuya kuxela kwasekuqaleni. Kwaye senze okufanayo kuwo onke amatyala e-GBV ngakumbi”, utshilo uMphathiswa uNqatha.