Home Iindaba Uzakubhadlela kwezimnyama izisele uNtlokwinendaba ngenxa yobuqhophololo bakwaOld Mutual.

Uzakubhadlela kwezimnyama izisele uNtlokwinendaba ngenxa yobuqhophololo bakwaOld Mutual.

Owasetyhini ufunyenwe enetyala lokurhwaphiliza uOld Mutual kwibango lokufa ngobuqhetseba.

Ufunyenwe enetyala lokuqhatha uOld Mutual uLindeka Patricia Ntlokwinendaba oneminyaka engamashumi amane nanye (41), wagwetywa ngoLwesithathu kwiNkundla yoLwaphulo-Mthetho lwezoRhwebo, eMthatha eMpuma Koloni. Oku emveni kokuba waafaka ibango lokubhubha ngobuqhophololo.

Ukubanjwa kwakhe ibiliphulo eliphakathi koPhando olubi lwezoRhwebo lwaseMthatha (SCCI) looKhetshe, iGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) kunye nenkampani ye-Inshorensi yakwaOld Mutual.

Ngokwephepha-ndaba i-Independent Online, ingxelo ephuma kwisithethi sooKhetshe eMpuma Koloni uKapteni Yolisa Mgolodela, uNtlokwinendaba ufake umfi uMfunxuse Golden Mvinqi kwi-Inshurensi yakwaOld Mutual.

“Wathi ngutata wakhe wesibini, wabe engenguye,” utshilo uMgolodela. Ukubhubha kukaMvinqi ngomhla wamashumi amabini ananye (21) kweyeSilimela ngo-2018, uNtlokwinendaba walungisa izibonelelo zokufa kuba eyintombi yakhe.

“Imali engamawaka angamashumi amabini (R20,000.00) ihlawulwe ngempumelelo ngabakwaOld-Mutual kumfaki-bango.”

UMgolodela uthi kamva uOld Mutual wenze uphicotho-zincwadi ze waliphonononga ibango elingeniswe nguNtlokwinendaba.

“Kwafunyaniswa ukuba wayengumhlobo womtshana kamfi hayi umntwana wakhe. Ngaphaya koko, kufumaniseke ukuba akukho galelo leenziwa nguNtlokwinendaba kumngcwabo kamfi.”

Iphephandaba i-independent Online lithi uMgolodela uthe uOld Mutual wawubike lo mba kooKhetshe ngo-2020 ukuze bawuphonononge. Oku kwakhokelela ekubanjweni kukaNtlokwinendaba ngomhla weshumi elinesithathu (13) kweyeKhala ngo2021.

Wakhululwa ngesilumkiso kwangaloo mini emva kokuvela kafutshane kwiNkundla yoLwaphulo-mthetho lwezoRhwebo eMthatha.

OoKhetshe bathi uNtlokwinendaba ugwetyiwe kwiveki kwaye ugcinwe eluvalelweni.

Iinkqubo zokugweba ziza kuqala ngomhla wesine kuJuni.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks