Umrhanelwa oneminyaka engama-35 ubudala ubanjwe ngamapolisa aseMadeira emva kokutyholwa ngokudlwengula ekhombe ngompu ixhoba lasetyhini elineminyaka engama-21 ubudala eSlovo Park ngaphandle kwaseMthatha ngomhla wama-27 kweyoMqungu ngo-2024 malunga nentsimbi ye-23:00.
Kutyholwa ukuba ixhoba lalikhwele inqwelo-mafutha lisendleleni eya kwingingqi yaseDosi engqonge uMthatha ngethuba linikwe ilifti ngumrhanelwa ngemoto emnyama. Umrhanelwa uye waqhuba isithuthi ukuya kwindawo yakhe (eSlovo Park) nalapho wanyanzela ixhoba kwigumbi lokulala waze walidlwengula.
Umrhanelwa emva koko wathatha ixhoba walibuyisela edolophini waze walilahla engakhange alise apho belifuna ukuya khona. Ixhoba liye kwisikhululo samapolisa eMadeira lavula ityala lokudlwengulwa lixela nokuba kusetyenziswe umpu ukugrogrisa.
Amapolisa alulandele olu lwazi kwaze kwabanjwa umrhanelwa onamashumi amathathu anesihlanu (35) wafunyanwa ephethe umpu wohlobo lwe9mm neembumbulu.
Umrhanelwa uzakuvela kwinkundla kamantyi eMthatha ngoMvulo umhla wamashumi amabini anesithoba kweyoMqungu ngo2024 ngezityholo zokudlwengula nokuba nompu neembumbulu ngokungekho mthethweni.