Home Iindaba Uzakuvela phambi kwe-Komishoni kaMadlanga uSenzo Mchunu namhlanje

Uzakuvela phambi kwe-Komishoni kaMadlanga uSenzo Mchunu namhlanje

By Nyameka Lamani

Uzakuphekwa esophulwa ngemibuzo umphathiswa wamapolisa onqunyanyisiweyo uSenzo Mchunu ziinkokeli zobungqina xa evele phambi kwekomishoni yophando kaMadlanga ePitoli ngalenjikalanga yangoLwesibini,umhla wesibini(02) kweyoMnga ka 2025.

Oku kulandela izityholo zikamkomishinala wamapolisa akwaZulu-Natal uNhlanhla Mkhwanazi sokuba uMchunu walichitha ngokungekho mthethweni igqiza eliphanda ngokubulawa kwezopolitiko.Kutyholwa ukuba unobangela wokuchithwa yayikuthintela uphando lwabantu abanamandla.

UMchunu uphikile, esithi umntluvisile uMongameli Ramaphosa ngeenjongo zokuchitha eli gqiza kwaye walixhasa eli nyathelo.Sele evelile phambi kwekomiti yethutyana ePalamente kuqala.

Amangqina ohlukeneyo angqinile ukuba akanalo igunya lokuchitha eligqiza kwaye aphinde angqina ukuba igunya lokuchitha lelika womkomishinala wamapolisa kazwelonke uFannie Masemola.

Phambi kokuba uMchunu anike ubungqina ngentsimbi yesibini emva kwemini(2pm), uManejala wesixeko saseKurhuleni osele esidla umhlala-phantsi uGqirha Imogen Mashazi kulindeleke ukuba aqukumbele ubungqina bakhe.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks