Home Iindaba Uzinikele emapoliseni owayesakuba nguMphathiswa wamashishini ka Rhulumente uMalusi Gigaba

Uzinikele emapoliseni owayesakuba nguMphathiswa wamashishini ka Rhulumente uMalusi Gigaba

Ilungu lePalamente le-African National Congress (ANC) kunye nowayesakuba nguMphathiswa uMalusi Gigaba kulindeleke ukuba azinikezele emapoliseni ePitoli ngale ntsasa yangoLwesihlanu umhla wesixhenxe ku November.

U-Gigaba kukholeleka okokuba uza kubekwa ityala ngokusesikweni malunga nophando oluqhubekayo ngorhwaphilizo eTransnet.

Kulindeleke ukuba uGigaba avele enkundleni kusasa nje uLwesihlanu.

WayenguMphathiswa wamaShishini kaRhulumente phakathi konyaka ka-2010 ukuyokuthi ga ngo-2014 kwaye uza kubekwa ityala ngemicimbi yorhwaphilizo enxulumene neTransnet.

Kwingxelo ye-Statement sakhe, uthe igunyabantu lezo tshutshiso i-National Prosecuting Authority (NPA) limazise ukuba kufuneka azinikele emapoliseni ukuze abekwe ityala aze avele enkundleni.

Lo ka Gigaba unable wathi, unethemba e l iqinileyo nakwi Ngalo yomthetho lokuba ngumdandalazisi weenyaniso ngokupheleleyo ngaphandle kwamakhwiniba.

Ulwazi olupheleleyo ngezityholo zakhe luya kuqinisekiswa ngexesha lokuvela kwakhe.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks