Iphondo leMpuma Kapa(EC) linebhongo ngokusingatha iMbasa yokuQala yabaThengi boMmandla(exporters) baseMzantsi Afrika, ebibanjelwe kwiZiko leNgqungquthela laMazwe ngaMazwe(ICC) eMonti, ngomhla we(8 December 2021).
AmaBhaso oMmandla waMazwe aNgaphandle kweAfrika yintsebenziswano phakathi kweQumrhu loPhuhliso leMpuma Koloni (i-ECDC) kunye neZiko loRhwebo noTyalo-mali lwe-USAID kuMazantsi e-Afrika iphela (i-USAID TradeHub). I-USAID TradeHub isebenzisana ngokukhutheleyo namazwe akuMazantsi e-Afrika ukwandisa uhlumo oluzinzileyo, ukukhuphisana nokukhulisa urhwebo kulamazwe.
Ukanti lomsitho ubuzinyaswe ngisomashishini kuquka beNkulubaphathiswa eMpuma Kapa uOscar Lubabalo Mabuyane. Lomsitho ke nganxa yemiceli mngeni yeCovid-19 kuye kwenziwa namacebo okuba abanye bazimase ngobuxhaka-xhaka balemihla.
Iminhyadala ekumila kunje yenzelwa ukuxhasa nokukhulisa uqoqosho nolunxungupheleyo eMpuma Kapa kanye nokudala amathuba emisebenzi.
