UZuma ushiye amalungu eMK eGqeberha ejonge enkalweni.

Owayesakuba ngumongameli weli uJacob Zuma uxolisile ngokungafiki kwindibano ebibanjelwe eMotherwell eMpuma Koloni nanjengoko ebezimase inkonzo yomngcwabo welinye lamaqabane akhe, uthe ibingezonjongo zakhe ukulahla abalandeli bakhe, koko unyanzeliswe ziimeko kwaye ebengenakubakho kuyo yomibini le misitho ngaxeshanye.

UZuma ebezimase umngcwabo welungu lombutho woMkhonto weSizwe (MK) eMonti logama umbutho wakhe bekumele unendibano eGqeberha.
Nangona kunjalo, uthumele amalungu ekomiti elawulayo kuzwelonke ukuba alungiselele omnye umhla namalungu ombutho ukuze kubanjwe enye indibano.

Iqaqobana labalandeli belibambene kule ndawo ngempelaveki, lilindele uZuma kodwa akafika.
Umbutho weMK ubukhankasa KwaZulu-Natal, Gauteng naseLimpopo kwezi nyanga zimbalwa zidlulileyo.

UZuma bekufanele ukuba uye kwindibano enkulu eGqeberha, kodwa uthi uphoswe yiyo ngenxa yomngcwabo welungu lombutho weMK.

“Ndicela uxolo ngokungafiki namhlanje ukuza kuthetha ngombutho wethu uMkhonto weSizwe. Ndidibene nengxaki njengoko kukho iqabane elaswelekayo. Sasisazi kakuhle kakhulu. Ebelilungu leMK,” utshilo uZuma.

Uthe umngcwabo weli lungu leqela leMK ungqamene nale ndibano kwaye akanako ukuphoswa ngulo mngcwabo. Umgama ophakathi kweMonti kunye nomasipala ombaxa iNelson Mandela Bay wenza kubenzima ukuhlala kwezi ndawo zombini ngexesha elinye.

By Siyakholwa Vuso

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
18 ° C
18 °
18 °
90 %
4.8kmh
97 %
Sun
19 °
Mon
25 °
Tue
32 °
Wed
22 °
Thu
28 °

EZITHANDWAYO INDABA