Amapolisa aseNgcobo acela uncedo kuluntu, malunga nokukhangeliswa umkhwetha olahleke ngolwesithathu umhla we(1 December 2021) ogama linguMihlali Manqindi noneminyaka elishumi elibethoba(19) ubudala. UMihlali lo uphuma kwisithili saseSithebe nephantsi kwedolophana yaseNgcono.
Kutyholwa ngelithi umkhwetha lo ebekunye nabanye abakhwetha abathathu(3) kunye namakhankatha abo ngethuba bexakekile bethambisa imizimba yabo. Uye ke uMihlali wayalelwa ukuba ayokomisa imbola leyo ebeyithambisa ngasemlilweni kodwa endaweni yokomisa uye wabaleka eshiya abanye abakhwetha ngasemva.
Amapolisa abiziwe kwaza kwaqhutywa ugqogqo nanamhlanje kodwa ngenxa yemeko yemozulu kwanqunyanyiswa ugqogqo de kube kusasa ngengomso
Onolwazi ngomkhwetha othile ogcwele amathafa okanye onolwazi malunga nalapho akhoyo uyabongozwa ukuba aqhagamshelane nomphathi-sikhululo uLt Colonel Xolani Sali kule nombolo 0824424163
