16.5 C
King William's Town
Wednesday, September 4, 2024

Wenze ezibukwayo naseMpuma Koloni uMalema.

Usihlalo weqela lezopolitiko iEconomic Freedom Fighters (EFF) eMpuma Koloni, uZilindile Vena uthi ulutsha lukulungele ukuthabatha inxaxheba kuqoqosho lweliphondo, kodwa nangona kunjalo ukuncipha kwamathuba yingxaki.

Oku ebekuthetha nabeendaba kumsitho wokuphehlelelwa kwe(Manifesto) ephondweni kwibala lezemidlalo iAbsa eMonti namhlanje.

Ukwathe, mukuba lombutho uphumelele iivoti zesininzi kweli phondo, uzakuvulela amathuba azakukhulisa ezoqoqosho kulutsha.

“Ulutsha lweli phondo lumi ngeenyawo luzithathela indawo olulufaneleyo kweliphondo. Yiyo loonto bonke ababantu belapha, bafuna imisebenzi nomhlaba. Kananjalo ukuphelisa ukucinywa kombane. Abantu abaselula ngoku bakhathazekile, oogqirha abaphangeli.” utshilo

Ukanti abalandeli balombutho bathi banethemba lokuva izicwangciso eziqinisekileyo ezivela kuMongameli wombutho uJulius Malema malunga nokunyuka kwamazinga olwaphulo-mthetho ephondweni.

UMzimasi Yem odla umhlala-phantsi uthi, “Abantwana bethu abaqeshwanga, ndifuna ukuva ukuba kuza kwenziwa ntoni ukuze basebenze. Kuza kwenziwa ntoni ukuze kupheliswe ubugebenga kuba izigebenga zikhaba iingcango zemizi yabantu abadala, nabo bathengisela ulutsha lwethu iziyobisi.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
16.5 ° C
16.5 °
16.5 °
79 %
4kmh
100 %
Wed
17 °
Thu
15 °
Fri
17 °
Sat
18 °
Sun
17 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks