Home Iindaba YiLoadshedding nakwimali yesibinelelo kaRhulumente.

    YiLoadshedding nakwimali yesibinelelo kaRhulumente.

    IKomishini yamaLungelo oLuntu eMzantsi Afrika (SAHRC) iqinisekisile ukuba ifumene isikhalazo kwiDemocratic Alliance malunga namakhwiniba ongamele abarhola imali yesibonelelo sikarhulumente kutsha nje kwilungu leDA ePalamente uBridget Masango.

    UMasango uthi isikhalazo sibhekiswe kumphathiswa wesebe lentlalontle uLindiwe Zulu kwakunye noMzantsi Afrika. I-Arhente yoKhuseleko lwezeNtlalo yase-Afrika (i-SASSA) kunye neBhanki yasePosini ngenxaxheba yabo kwingxaki eqhubekayo yokuhlawulwa kwezibonelelo zikarhulumente. Amawakawaka abaxhamli abakwazanga ukutsala iimali zabo ngoSeptemba kulandela ukuphuculwa kweenkqubo zebhanki yasePosini.

    Isithethi sekomoshoni yamalungelo oluntu eMzantsi Afrika uWisani Baloyi uthi isikhalazo sifumene ingqalelo efanelekileyo. Esithi siza kuvavanywa ngokuhambelana neenkqubo zokusingatha izikhalazo zekomishini kwaye ikomishini iza kubuyela kwiDemocratic Alliance neziphumo zovavanyo. Ngeli xesha, isithethi sePostbank uGqirha Bongani Diako uthe ngoLwesibini, “ngokoshicilelo labo, zonke iintlawulo ezingekahlawulwa zesibonelelo sika-SASSA kubantu abathe bachatshazelwa sisiganeko somhla wesi-5 nowe-6 kuSeptemba senziwe. Esithi Inkqubo yokubuyisela umva imali kuzo zonke iiakhawunti zabaxhamli abachaphazelekayo igqityiwe.

    UDiako ulekele ngelithi uninzi lwabaxhamli bekhadi legolide lakwaSASSA abebenentlawulo engekahlawulwa bakwazile ukufikelela kwiimali zabo ngokusebenzisa amajelo aquka ii-ATM kunye neevenkile.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks