ICandelo eliKhethekileyo lezoPhando kweli (i-SIU) lithi inkqubo yokufuduka yaseMzantsi Afrika ijike yafana, neSodom neGomora apho ubani esenza unothanda ngobume belilizwe.
Iingxelo eziphuma kutshanje, ziveza ukuba amagosa kaRhulumente asebenza kwiOfisi yezeKhaya athengisa ubuzwe boMzantsi Afrika kubemi bamazwe angaphandle ngezikhuntyu.
Kutyholwa ngelithi lamagosa sele efumene izinyobo ezingaphaya kweR16.3 million yeerandi yeli ukwenza obubuqhophololo.
Iziphumo zidizwe libambela lentloko yeSIU uLeonard Gaoretelelwe Lekgetho emva kophando olunzulu olwenziwe yile arhente. Kukwavele neendaba zokuba uMprofeti odukileyo uShepard Bushiri noOmotoso nabo baxhamla kobubuqhophololo bokuthenga iimphepha mvume zobume beli ngezikhuntyu. Okucacayo ukuba basebenzisa amalungu ebandla awo asebenza kwiSebe lenkonzo yezekhaya.
Urhulumente weli usame ngelithi uyinika ingqwalasela lemeko kwaye uyaphanda.
