Ngomhla wesine (04) kweyoMsintsi 2025, amalungu esipolisa ebekumsebenzi wokuthintela ulwaphulo-mthetho kwindawo yaseTshikitsha ngethuba efumana ulwazi malunga ngabantu ebebesiba iinkomo ngoLwesibini, umhla wesibini (02) kweyoMsintsi 2025.
Amalungu e-SAPS, adibene namalungu enkampani yokhuseleko yasekuhlaleni nayo eyayisemsebenzini kwiphulo lolwaphulo-mthetho. Badibane ke ze basingisa kwindawo ebichongweyo, aleqa abarhanelwa kodwa babaleka.
Nangona kunjalo, eli qela lesipolisa likwazile ukubuyisa iinkomo ebezikwiphulo lokubiwa.
Okwangoku ezi nkomo zigcinwe kwisikhululo samapolisa eNgqayi kwaye kulindwe umnikazi wazo aze azobika ityala lokubiwa kwemfuyo yakhe.Ityala lisaphandwa.
UMkomishinala weSithili saseJoe Gqabi uMajor General Lindelwa Vellem uncome amalungu ngokusabela ngokukhawuleza kunye nomsebenzi omhle weqela elenze ukuba ukuchacha kube nokwenzeka. Uye wabulela ubudlelwane bokusebenza phakathi kweSAPS noluntu olukhokelele ekubuyiselweni kweenkomo.
