Ngantwana ababini, nabaminyaka mithathu(3) ubudala abathe barhaxwa kwidama lasekuhlaleni kwindawo yaseLudaka malunga necala emva kwentsimbi yesixhenxe (19:30) ngoMgqibelo, umhla we( 18 Nov 2023)
Ngokwengxelo evela kwinkonzo yesipolisa, kuvakala ukuba aba bantwana ngethuba bedlala emanzini, baye boyisakala kokontywila ze batshona abaphinde bavele.
Omnye kwabantwan obehamba nabo ngokothuka, nokuxakwa ukuba athini, waza wagoduka wayokubikela abantu abadala.
Kuye ke ngoko kwaqaliswa ugqogqo ngelishwa nethamsanqa bantwana bafunyanwa emva kwemini bedada edamini sele bebhubhile.
Idokhethi lophando livuliwe ngamapolisa kwaye amapolisa abongoza abazali ukuba bangabavumeli abantwana babo ukuba baqubhe emadamini, bengajongwanga mntu.
