Kubhuquke imoto eyibhaki elohlobo lakwaToyota kude kufuphi neKlinikhi yaseEliotdale, eXhora.
Kule ngozi akubikwanga kufa, kodwa kulumnkiswa ukuba abaqhubi baqhube ngononophelo ezindleleni ngenxa yobumanzi.
Kungquzulene iimoto ezintathu iNissan Tiida, ibhaki yakwaIsuzu kunye neToyota Quantum. Oku kwenzeke eCezu, kwiDolophu yaseMqanduli.
Nakule ingozi akubikwanga kubhubha kwabantu, kodwa kurhaneleka ukuba unobangela walengozi yinkungu. Kuyacelwa abaqhubi baqhube ngononophelo nje ngoko imo yezulu ingentlanga.
