Home Iindaba Ziphantsi kohlaselo loonqevu izikolo zaseGqeberha

Ziphantsi kohlaselo loonqevu izikolo zaseGqeberha

Isithethi sesebe lezemfundo eMpuma Koloni uMalibongwe Mtima uthi ukusukela kwinyanga yeNkanga yonyaka ophelileyo, zizikolo ezilikhulu namashumi amathathu ananye (-131) zengingqi yaseNelson Mandela Bay ezithe zaphangwa, kwaye uninzi lwazo ziphangwe kuxhotywe ngemipu.

Isebe lezemfundo lephondo likhuphe ingxelo, libhengeza iindawo ezininzi kulo masipala “ezona ndawo ziphambili” kulwaphulo-mthetho kwaye labele izigidi zeerandi ukuphucula ukhuseleko kwezi zikolo nakwezinye. Isebe lithe iindawo ezigquba ulwaphulo-mthetho zindawo ezisemantla kuquka kuzo kwaZakhele, eZwide, naseMotherwell eGqeberha.

Ngokwengxelo yamapolisa, isiganeko samva nje senzeke ngaphandle kwesikolo samabanga aphantsi i-Elufefeni kwa-NU7, eMotherwell, ngethuba kuvulwa izikolo kwiveki ephelileyo. Isithethi samapolisa uAndre Beetge uthe, “Kuye kwakho ukuqweqwediswa kwemoto kwisitalato uMzwazwa (kwisango lase-Elufefeni). Kutyholwa ukuba ootishala abambalwa kwesi sikolo, abafike ngemoto yohlobo lweKia SUV egrey, belinde ukuvulwa kwesango xa befikelwa ngabarhanelwa abathathu (3)bexhobile.”

UBeetge uthe aba baphangi bathathe izinto zootitshala kunye nemoto yabo. “Emva kwethuba isithuthi safunyanwa sishiywe kude. Ityala lokuxhwilwa imoto liyaphandwa.”

Kusenjalo eKariega, isithethi samapolisa uPriscilla Naidu ungqinile ukuba zithathu (3) ubuncinane izehlo zokukhuthuzwa kwabantu ngompu kwinyanga ephelileyo kwisikolo samabanga aphakamileyo iPhaphani neTinarha, kwakunye nesikolo samabanga aphantsi iMjuleni kwilokishi yakwaNobuhle.

Kwisikolo samabanga aphakamileyo saKwaZakhele eGqeberha, esisoloko sikhuthuzwa, umfundisi-ntsapho ocele ukuba igama lakhe lingachazwa, uthe bancinci kakhulu aba baphangi. Esi sikolo sinabafundi abamalunga newaka elinamashumi asixhenxe anesithathu (-1,076). “Aba baphangi bancinci njengabafundi bethu,” utshilo.

“Baza bengamaqela abantu abathathu (3) ukuya kwabahlanu (5) ngeentsuku ezixakekileyo xa abasebenzi abangafundisiyo abafana noonogada bengayi kuqaphela. Ngo-2019, baye bahamba nezinto zethu ezifana newotshi yesihlahla, amatyathanga, iintsimbi zomqala, iiselfowuni kunye neelaptop. Kunyaka ophelileyo, beza bazakungena kwigumbi labasebenzi.

“Akhupha imipu, afuna izinto zethu zobuqu aza ahamba nawo. Bendicinga ukuba bayadla, ndicingela ukuba baphethe imipu yokudlala, kuba basebancinci njengabafundi,” utshilo.

Usihlalo ophumayo webhodi elawula isikolo kwesi sikolo, uPhumzile Vena, uthe abanye ootishala bacinga ngokuyeka kuba abaziva bekhuselekile nasemva kwamasango esikolo. Uthe emva kophango lwakutshanje kuphela ngootishala abalithoba (9) kwabangamashumi amathathu (30) ababuyele esikolweni. “Ootishala bathi ukuba le meko ayiphucukanga baya kuwufumana umsebenzi kwenye indawo,” utshilo.

UMphathiswa wezeMfundo eMpuma Koloni uFundile Gade kwiveki ephelileyo uxelele amajelo eendaba ukuba isebe lakhe labele iR59-million yokuphucula ukhuseleko ezikolweni kunyaka-mali ka-2024/2025. Abanye oonogada abaliwaka (-1,000) abongezelelweyo baya kuqeshwa, watsho, kwakunye nabasebenzi bezolawulo abangamakhulu amathathu namashumi amahlanu (-350) kunye nooNontlalontle abancedisayo abangamashumi amabini (-24) nabo baya kuqeshwa njengenxalenye yesicwangciso sokwenza izikolo zikhuseleke ngakumbi.

“Siza kufaka iikhamera zokucupha, (ii-access control systems), amaqhosha alam aqhagamshelene nezikhululo zamapolisa, kwakunye neecingo ukuqinisekisa ukuba izikolo zethu zikhuselekile,” utshilo uGade.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks