Iqela lomboxo loMzantsi Afrika Amabhokobhoko aziphindezele kwiqela lomboxo laseArgentina iLos Pumas ngethuba ilibhuqa ngamanqaku angamashumi amane anesibhozo kwasixhenxe(48-7) kumabala iMbombela eNelspruit kwiphondo laseMpumalanga nalapho inkundla yezemidlalo ibizele imi ngeembambo phezolo umhla wamashumi amabini anesibhozo(28) kule yoMsintsi inyanga.
Izitsibabhokhwe ziphumelele indebe yeRugby Championship okokuqala oko yagqibela ukuyibamba ngonyaka ka2019 emva kokubuyisa isixhiba kwiLos Pumas nebibabethe ngamanqaku angamashumi amabini anethoba kumashumi amabini anesibhozo(29-28) eArgentina kumabala iSantiago del Estero kwimpela veki ephelileyo.
NguPieter Steph du Toit noAphelele Fassi abalale emgceni kabini(2) umdlali ngamnye, ezinye itryi zifakwe nguMalcolm Marx, uJesse Kriel noCheslin Kolbe nabalele emgceni kanye umdlali ngamnye.
UEben Etzebeth wenze imbali kulomdlalo wangoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesibhozo(28) kweyoMsintsi inyanga ngethuba esogqitha umdlali wamandulo weeBhokhwe uVictor Matfield nowayeka edlale imidlalo elikhulu elinamashumi amabini anesixhenxe(127) kuba ngoku uEtzebeth ebedlala umdlalo wakhe wekhulu elinamashumi amabini anesibhozo(128).
Ngoku amabhokobhoko aphumelele iindebe ezintathu(3) ezifana nehlabathi, nedebe yeRugby Championships ngexesha elinye.
By Siphiwo Boqwana