Home Iindaba Zitshe zangqongqa izakhiwo zoMasipala waseMhlontlo, izolo.

Zitshe zangqongqa izakhiwo zoMasipala waseMhlontlo, izolo.

UMasipala weNgingqi waseMhlontlo wazisa uluntu ngesehlo esilusizi esenzeke ngomhla wokuqala (01) kweyeSilimela ngo-2025, kwiSakhiwo sikaMasipala. INgxelo iye yafakwa ngabaSebenzi bezoKhuseleko ebebe semsebenzini, abathe bava ingxolo kufuphi nesakhiwo kwaye bafumana amadangatye aphuma kwiCouncil Chambers.

Umfanekiso: IiOfisi zoMasipala weNgqingqi waseMhlontlo.

By Buhle Nomgalasa.

Bakhawuleza bazisa abaphathi babo, nabathe bafowunela iNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika (SAPS) kunye nabaCimi-mililo beZithili ukuze bafumane uncedo.

Umfanekiso: IiOfisi zoMasipala weNgqingqi waseMhlontlo.

Amanye amasebe, aquka iiNkonzo zoLuntu, isebe lamagosa ezendlela, kunye neEPWP, aza kuqhubeka nokusebenza njengesiqhelo. Zonke iingxelo eziyimfuneko ezivela kwiSAPS kunye neSebe leNtlekele ziya kuqulunqwa kwaye zingeniswe kwiBhunga ukuze kuqwalaselwe ngakumbi.

Abasebenzi abasuka kumasebe achaphazelekayo kulindeleke ukuba basebenzele emakhaya kwaye bahlale befumaneka njengoko kufuneka. Ukuba bhetyebhetye kunye nokubambelela kwiindima kunye noxanduva ngeli xesha kubalulekile.

UMasipala kwimbalelwano abayithumele oonondaba bathi imivuzo yabasebenzi ayizukuchaphazeleka.

“Akusayi kubakho ngxaki yemali kwimivuzo yabasebenzi ngeli xesha. UMasipala ugxininisa ukubaluleka kokunyaniseka nokuthatha uxanduva phakathi kwabasebenzi ngelixa besebenzela ekhaya. Malunga nokulungiswa nokugcinwa, uvavanyo lomonakalo luseza kwenziwa njengoko isakhiwo sifakwe kwi-inshorensi.”

Ngelixa unikezelo lwenkonzo lunokuba nokuphazamiseka okungephi, izicwangciso zokuqulela ziye zaphunyezwa ukunciphisa impembelelo.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks