By Nqabakazi Gebe
Izibhedlele zaseMpuma Koloni ziphelelwa zizixhobo zokusebenza imisebenzi yotyando, iinaliti nesarenji, nto leyo ebangela oogqirha batsale nzima kumsebenzi wabo, kusokolwe nokunyanga izigulana, ukutsalwa kwamagazi kunye nokufumana amayeza. Ngenxa yokuxaxeka, ooGqirha baye bacele iinaliti nezinye izinto ezithile kwizebhedlele zasemaphandleni, kodwa oku kukwabeka nazo ezozibhedlele emngciphekweni wokuphelelwa.
Ngokwengxelo yephepha-ndaba leDaily Maverick, umphathiswa wesebe lezempilo eMpuma Koloni uNtandokazi Capa ungqinile kusasa ngoMvulo ukuba eliphondo lithwaxwa kukunqongophala kwezixhobo zotyando eziquka iinaliti.
“Ngenene kukho ukunqongophala kwezinto ezithile zotyando ezisetyenziswayo kuquka iinaliti. Lo ngumceli mngeni wephondo onxulumene ngokuyinxenye kubaboneleli-nkonzo abangakwaziyo ukuzalisekisa iodolo yethu kwangexesha kunye nemingeni ethile yokungenisa elizweni njengoko ezinye zezi zinto zingeniswa kumazwe angaphandle ngababoneleli abanekhontrakthi kwilizwe,” isithethi seCapa, uSizwe Kupelo, satsho.
Oomongikazi kunye noogqirah kwizibhedlele ezifana neLivingstone eNelson andela Bay bathe gqolo ukuzama ukufuna izixhobo, abasakwazi nokutsala amagazi, kunzima nokuphefumlisa izigulana ngoba kunqongophele iizarenji.
“Isebe lisebenzisana noogxa balo kwisebe lesizwe kunye namaphondo angabamelwane ukufumana isisombululo esiya kuqinisekisa ukufumaneka kwezi zinto zibalulekileyo.”
Uvumile ukuba abaphathi bezibhedlele “baboleka” iinaliti kwizibhedlele ezisemaphandleni.
“Isebe liwubambile lo mba kwaye sizimisele ekuqinisekiseni ukuba akukho mpembelelo imbi kukhathalelo lwezigulana ngenxa yale mingeni yobonelelo,” utshilo uKuphelo.
Imithombo yeli sebe ithi enye yeengxaki elijongene nayo kukuba abathengisi abahlawulwa kwiintsuku ezingamashumi amathathu (30) ezibekiweyo emva kokuziswa kwezixhobo.
Kukwanqongophele iisarinji, amanapkeni, iimaski, iimaski zeoksijini yabantu abadala, izilawuli zeoksijini, kunye neeplaster ezikhethekileyo.
By NQABAKAZI GEBE
