Umphathiswa wamapolisa kuzwe lonke uSenzo Mchunu, ukhwebebela uluntu kwindibano yothethathethwano noluntu eSoweto eSea Multipurpose Centre, kwisitalato iMbanga Gqeberha.
Ukanti lendibano ojolise ekujonganeni nemingeni yolwaphulo-mthetho ephakanyiswe ngamalungu asekuhlaleni kunye neqonga lamapolisa asekuhlaleni.
Olu thethathethwano noluntu lulandela intlanganiso yabachaphazelekayo eyaba yimpumelelo ebibizwe nguMphathiswa wamapolisa ngomhla wamashumi amabini ananye (21) kweyeKhala. Ukanti Kule ndibano, amalungu oluntu kunye nabameli beqonga lezobupolisa lasekuhlaleni bavakalise inkxalabo yabo malunga nokwanda kolwaphulo-mthetho kulo mmandla.
Umphathiswa uzibophelele ekusebenzisaneni ngokusondeleyo noluntu lwasekuhlaleni kunye nee-arhente zogcino-mthetho ukuphuhlisa izisombululo ezisebenzayo kule miba inzima.
Kusenjalo uth upethathethwano oluzayo uMphathiswa uthi luza kubonelela ngeqonga leengxoxo nentsebenziswano eqhubekayo, ukuqinisekisa ukuba ilizwi labahlali baseGqeberha liyaviwa kwaye lisonjululwe kumlo oqhubekayo wolwaphulo-mthetho.