Home Iingozi zendlela Kufuniswa ngezizalwana ze ndoda etshayiswe iwela indlela ngamapolisa aseDispatch

Kufuniswa ngezizalwana ze ndoda etshayiswe iwela indlela ngamapolisa aseDispatch

By Nyameka Lamani

Amapolisa aseDespatch, eMpuma Koloni, abongoza uluntu luncede ekufumaneni izizalwane zendoda eqikelelwa kwiminyaka engamashumi amathathu (30) ubudala eyatshayiswa yabhubha kuR75 ngoMgqibelo umhla weshumi elinesithathu(13) kwinyanga yoMsintsi.

Ngokwengxelo kaCaptain Sandra Janse Van Rensburg,uthi, le ngozi yenzeka kwindlela uR75 phakathi kwendlela iAzalia Park kwakunye neJoe Slovo eDespatch.Laliwela indlela xhoba ngethuba ligquzulwa yimoto ze labhubhela kwindawo yexhwayelo.

Lalinxibe ibhulukwe egreyi, nejezi egreyi enemigcana emincinci ebomvu nemhlophe, iiteki ezimhlophe ze wathwala nomnqwazi omdaka (brown) ngethuba litshayiswa.

Iqwakuqwaku laye lavulwa kwisikhululo samapolisa saseDespatch kwaye uphando lusaqhubekeka.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks