Iqela lezopolitiko iAfrican Transformation Movement(ATM) lizikhabe ngawo omane iziphakamiso ezenziwe nguMphathiswa wezaBasebenzi neNgqesho uThulas Nxesi esebenzisana neNedlac malunga nokugunyaziswa kwesigonyo eluntwini loMzantsi Afrika.
Eliqela lithi likulungele ukuya eNkundleni nasePalamente ukuba kunyanzelekile ukulwa ukunhyashwa kwamalungelo abantu baseMzantsi Afrika. Umgaqo siseko weli, unikeza imvume kuluntu lweli ukuba luzikhethele ukuba luyalifuna ichiza kusina na hayi ukunyanzeliswa.
Eliqela likwathi uRhulumente makahloniphe amalungelo abantu hayi ukubanyanzela kumachiza ohlule amazwe amakhulu.
Urhulumente namahlakani akhe makayeke ukusebenzisa intlungu yokunqaba kwemisebenzi kweli njengesigrogriso sokunyanzela abemi beli bathathe elichiza.
Kwilizwe loMzansi Africa bangamashumi alithoba anesibini ekhulwini abantu abathe bakwazi ukuphila kulentsolongwane kungekho chiza, oko ke kuthi, akukho sidingo sokunyanzela abantu ngogonyo.
Urhulumente makaxhase osonzulu lwazi(scientists) ekuzeni nechiza eligqibeleleyo lokulwa lobhubane ayeke abantu bazikhethe kula akhoyo ngokwamalungelo labo.
IATM ithi izakulwa de kubesekugqibeleni kunokuba kunyanzelwe abantu bakuthi kugonyo.

