By Esona Magawana
ULucky Montana urhoxile njengelungu lePalamente kumbutho woMkhonto Wesizwe. UMontana ubhale kwi-akhawunti yakhe ka-Twitter ukuba wabhalela iinkokeli zombutho epalamente ekuqaleni kwalo nyaka, ebazisa ukuba uzimisele ukusishiya isihlalo sakhe. UMontana khange anike zizathu zokurhoxa esikhundleni.
Umbutho woMkhonto weSizwe (MKP) uqinisekise ukurhoxa kuka-Lucky Montana njengelinye lamalungu ePalamente (MPs) kwiNdlu yoWiso-mthetho. Kwingxelo, lo mbutho uthi nangona ukwamkele ukuhamba kukaMontana ePalamente, uqinisekile ukuba uselilungu elizimiseleyo lombutho kunye nomsebenzi wezopolitiko ngokubanzi.
UMontana owayesakuba ngumphathi we-PRASA kungoku nje ubandakanyeka kungquzulwano olukrakra neNkonzo yeRhafu yoMzantsi Afrika (SARS) malunga netyala lakhe lerhafu le-R55 yezigidi engahlawulwanga. Kutshanje iSARS ithabathe inyathelo lokubhengeza esidlangalaleni imicimbi yerhafu kaMontana emva kokuba etyhole eli ziko ngobuqhetseba.
