By Esona Magawana
UXolani Khumalo,nomgqatswa kasodolophu we-ActionSA eKurhuleni,uza kufungisa njengelungu lebhunga kuMasipala ombaxa wesixeko sase-Ekurhuleni. Ukuchongwa kukaKhumalo kuphawula isiganeko esibalulekileyo kwisicwangciso-qhinga esibanzi se-ActionSA sokomeleza amandla olawulo kulomaspala umbaxa phambi konyulo loorhulumente basemakhaya ngo2026.
Indima yakhe entsha iza kumnika ukuqonda ngokuthe ngqo kwiinkqubo zikamasipala, imisebenzi, kunye nemingeni.
Ngokutsho kwe-ActionSA, esi sikhundla sizakusiza utshintsho olucacayo lukaKhumalo ukusuka kubutshantliziyo ekuhlaleni ukuya kwinkokeli yezopolitiko esesikweni, emxhobisa ukuba akhokhele ngcono abahlali baseKurhuleni kwaye aqhubele phambili nomsebenzi wombutho “wokulungisa isixeko.”
Umsitho wokufungiswa uza kuzinyaswa ziinkokeli ezininzi eziphezulu ze-ActionSA, eziquka uMongameli weQela uHerman Mashaba, uSihlalo weSizwe uMichael Beaumont, iSithethi seSizwe uLerato Ngobeni iLungu lePalamente, kunye noSihlalo waseGauteng uFunzi Ngobeni iLungu lePalamente.
Kwinyanga ephelileyo, i-ActionSA ibhengeze uKhumalo njengomgqatswa ongusodolophu kumasipala ombaxa wase-Ekurhuleni phambi konyulo oluzayo loorhulumente basemakhaya. Umongameli wombutho uMashaba wenze esi sibhengezo, esithi uKhumalo ‘yinkokeli esebenzayo nezimiselayo ’,
“uKhumalo ukulungele ukubuyisela i-Ekurhuleni iphume tuu kubaphuli-mthetho, abonelele ngeenkonzo ezisisiseko nokuqinisekisa ukukhula kwesisixeko,” utshilo ku Twitter.
