By Nyameka Lamani
Abasebenzi bezonyango olungxamisekileyo abahlanu(5) bebevele enkundleni ngomhla wesine(04) kweyeNkanga ka-2025, ngokungenisa iziqinisekiso zomgunyathi zeMatriki ukuze bafumane imisebenzi njengabancedisi beAmbulensi ngo-2015. Aba basebenzi basuka kwiSithili saseJoe Gqabi.
Eli tyala laqala ngenyanga yoKwindla ngo2023 ngethuba isebe libhalisa elityala kwisikhululo samapolisa eBhisho.Yayiziswe yikomishoni yenkonzo karhulumente kunye nabakhuseli boluntu emva kokuba umceli wengxelo(whistleblower)ebike ngalo mba kuzo zombini ii-ofisi.
Ekuqaleni, abasebenzi ababandakanyekayo babebathandathu(06), kodwa omnye wabo wavuma ukuba unetyala waza warhoxa, nto leyo eyakhokelela ekugwetyweni kwakhe. Inkundla yoluleko yafumanisa ukuba esisihlanu sishiyekileyo sinetyala, kodwa bakhetha ukufaka isibheno kwizigwebo zabo. Eli tyala limiselwe ukuqhubekeka ngomhla wamashumi amabini ananye(21)ukuyakutsho ngomhla wamashumi amabini anesithathu(23) kweyoMqungu ka 2026.
