By Nyameka Lamani
Ipolisa eliphuma kwicandelo lophando lolwaphulo-mthetho oluphakamileyo (DPCI) kunye negosa lesibhedlele saseTembisa, baza kuvela kwiNkundla kaMantyi ePitoli ngomhla wamashumi amabini anesine(24)kweyeNkanga ka-2025, bejongene nezityholo zorhwaphilizo.
Le meko iqale ngomhla wamashumi amabini ananye(21) kweyeNkanga ka 2025, ngethuba igosa le DPCI ladibana nomrhanelwa oneminyaka engamashumi amane ananye(41),uSajini osuka kwiDPCI, ebonisa ukuba igosa lesibhedlele saseTembisa elineminyaka engamashumi amahlanu anesithathu(53) lifuna ukuxoxa ngophando oluqhubekayo olunxulumene nesibhedlele. USajini wabanga ngelithi igosa lasesibhedlele lalifuna uncedo lokuphepha ukutshutshiswa kwaye lizimisele ukunyoba.
Ngomhla wamashumi amabini anesithathu(23) kweyeNkanga ka-2025, ilungu leDPCI kunye negosa lasesibhedlele badibana nomphandi owongamele eli tyala baza banikela ngekhulu lamawaka(R100,000) eyimali yokunyoba. Le ntengiselwano yabangela ukuba kwenziwe iphulo eligunyaziswe ngumlawuli wezotshutshiso, nto leyo eyakhokelela ekubanjweni kwabo bobabini uSajini kunye negosa lasesibhedlele ngenxa yokubandakanyeka kwabo kwisenzo sobuqhophololo.
