By Sophumelela Singqota
Ngomhla wesine (4) kweyeNkanga ku 2025, amapolisa eMpuma Koloni abambe abarhanelwa abathathu kulandela ubundlobongela obuphathelele kuphango lokuthutha imali (CIT) ngaseMonti. Esi sehlo siqale ngethuba imoto yemali yohlobo lweG4S ebisuka eKomani isiya eMonti ihlaselwe liqela lamadoda amalunga neshumi elinesibhozo axhobileyo. Abahlaseli bebesebenzisa iveni emhlophe yohlobo lweNissan NP200 ukurhangqa iveni yemali, nto leyo ebangele ukuba ibhukuqe.
Emva kwale ngozi, aba baphangi bavale indlela baza banyanzela oonogada ababini ukuba baphume elorini. Emva koko basebenzise iziqhushumbisi ukuqhekeza isefu engaphakathi kwiveni kwaye bathatha imali engaziwayo ukuba ingakanani. Abarhanelwa baphinde bathatha izixhobo zonogada ngaphambi kokuba babaleke.
Igqiza lamapolisa elenziwe ngamacandelo ahlukeneyo, aquka iHawks Serious Organised Crime Investigation, izikhululo zeSAPS, kunye neengcali zoqhushumbiso, zilandele umkhondo wesithuthi esirhanelwa ekubalekeni– iToyota Corolla – sihamba ngokukhawuleza sisingise kuN2 ekudibaneni kweMooiplaas. Amapolisa azamile ukumisa imoto kodwa abarhanelwa ababahoyanga, babaleka bangena eMandela Park.
Apho, kuye kwakho ukudubulana phakathi kwabarhanelwa namapolisa. Abarhanelwa badubule umbayimbayi onamandla, kodwa amapolisa aphinda adubula aleqa ngeenyawo. Emva kwalomlo onzima, amapolisa abambe omathathu la madoda aphakathi kweminyaka engamashumi mabini anesibhozo (28) ukuya kumashumi amahlanu anantathu (53) ubudala.
Amapolisa afumana umpu wohlobo lwe-AK-47, i-9mm pistol, iziqhushumbisi kunye neToyota Corolla. Le mipu iza kuphandwa ukuba iyayanyaniswa nezinye izenzo zolwaphulo-mthetho kweli phondo.
Abarhanelwa bajongene namatyala amaninzi aquka ukuzama ukubulala, ukubiwa kwemoto ebiweyo, nokuba nemipu engekho mthethweni kunye neembumbulu. Ngethamsanqa, akukho mntu wenzakala ngexesha lokuleqwa.
Abanye abarhanelwa basakhululekile, kwaye amapolisa ayabakhangela.
Amadoda abanjiweyo azakuvela kwinkundla kamantyi yaseMonti ngomhla wesithandathu (6) kweyeNkanga ngo2025.
UMajor General Mboiki Obed Ngwenya uncome amagosa asebupoliseni akhaliphileyo ngomsebenzi wawo weqela kunye nenkalipho ngexesha lophulo oluyingozi.
