Home Ulwaphulo-Mthetho Kufunyenwe imizimba yamantombazana amabini adutyulwe entloko eMamelodi

Kufunyenwe imizimba yamantombazana amabini adutyulwe entloko eMamelodi

By Nyameka Lamani

Amantombazana amabini, ogama nguTshiamo Moramaga oneminyaka engamashumi amabini anambini(22) kunye noBaleseng Moramaga oneminyaka engamashumi amabini ananye(2), bafunyenwe bedutyulwe babulawa kwisitalato iSompisi eMpuma eMamelodi,e-Extension 17 ngentsasa yangeCawe, umhla wamashumi amabini anesithandathu(26) kweyeDwarha, ngamalungu abahlali.

Amaxhoba ngabazala kwaye bakhule kunye de bayofika kwibanga eliphakamileyo

Isithethi samapolisa aseTshwane uJohan van Dyk uye uqinisekisile esisehlo esithi amapolisa aseMpuma eMamelodi ebebiziwe kwindawo yexhwayelo kwisitalato saseSompisi kwimizuzu elishumi elinesihlanu emva kwentsimbi yesithandathu kusasa(6.15 am) ngoCawa emva kokuba abahlali befumene imizimba yamantombi emibini.

“Okwangoku akukabikho mntu ubanjiweyo kwaye uphando lusaqhubeka.”utshilo uVan Dyk

Unobangela wesi sehlo simanyumnyezi okwangoku akakaziwa

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks