By Nyameka Lamani
Amantombazana amabini, ogama nguTshiamo Moramaga oneminyaka engamashumi amabini anambini(22) kunye noBaleseng Moramaga oneminyaka engamashumi amabini ananye(2), bafunyenwe bedutyulwe babulawa kwisitalato iSompisi eMpuma eMamelodi,e-Extension 17 ngentsasa yangeCawe, umhla wamashumi amabini anesithandathu(26) kweyeDwarha, ngamalungu abahlali.
Amaxhoba ngabazala kwaye bakhule kunye de bayofika kwibanga eliphakamileyo
Isithethi samapolisa aseTshwane uJohan van Dyk uye uqinisekisile esisehlo esithi amapolisa aseMpuma eMamelodi ebebiziwe kwindawo yexhwayelo kwisitalato saseSompisi kwimizuzu elishumi elinesihlanu emva kwentsimbi yesithandathu kusasa(6.15 am) ngoCawa emva kokuba abahlali befumene imizimba yamantombi emibini.
“Okwangoku akukabikho mntu ubanjiweyo kwaye uphando lusaqhubeka.”utshilo uVan Dyk
Unobangela wesi sehlo simanyumnyezi okwangoku akakaziwa
