Home Ulwaphulo-Mthetho Lihlehliselwe inyanga yoMnga ityala lokubulala inqununu nonobhala kwisikolo samabanga aphantsi Inxiweni eTembisa

Lihlehliselwe inyanga yoMnga ityala lokubulala inqununu nonobhala kwisikolo samabanga aphantsi Inxiweni eTembisa

UTuki Benjamin Maditsi oneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu(35) natyholwa naye uMokgadi Hope Shongwe oneminyaka engamashumi amabini bajongenge namatyala okubulala

By Nyameka Lamani

Ityala lokudubula inqununu nonobhala wesikolo samabanga aphantsi Inxiweni ngomhla weshumi elinesibhozo(18) kweyeNkanga lihlehliselwe umhla wokuqala(01) kweyoMnga ka-2025 .

UHope Shongwe noTuki Benjamin Maditsi abatyholwa ngokubanesandla ekudutyulweni kwesibini sakwisikolo samabanga aphantsi Inxiweni bebevele kwinkundla kamantyi yaseTembisa, apho uMbuso wacela ixesha elongezelelweyo lokuqinisekisa iidilesi zabo zokuhlala kunye nokwenza umsebenzi wophando.

Abasemagunyeni bathi ukubanjwa okongezelelweyo akunakukhutshwa ngaphandle, njengoko ubungqina buqhubeka buvela malunga nohlaselo lwangomhla weshumi elinesibhozo(18) kweyeNkanga.UShongwe, umsebenzi wesikolo, kunye noMaditsi, ekutyholwa ukuba bayayanyaniswa nomnye wabadutyuli, babanjwa kungekudala emva kwesisehlo.

Amapolisa asazama ukufumanisa isizathu esipheleleyo emva koludubulo, kubandakanywa izitenxo ezixeliweyo zezemali esikolweni.Bobabini abatyholwa bazakuhlala eluvalelweni de bavele kwakhona.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks