Home Iindaba Ngabemi bamazwe angaphandle ababini ababanjwe ziHawks eGqeberha

Ngabemi bamazwe angaphandle ababini ababanjwe ziHawks eGqeberha

Uphando lolwaphulo-mthetho oluluqilima lweeHawks oluzinze eGqeberha lubambe abantu bangaphandle ababini (2) abaminyaka ingamashumi amabini anethoba kunye namashumi amathathu anesithathu ubudala ngezityholo zokuxhwila ngomhla weshumi elinesihlanu kuSeptemba 2023. Kutyholwa ukuba ngomhla wesithathu kuSeptemba 2023, ixhoba laxhwilwa ngabarhanelwa kwindlu yalo eGqeberha. Abarhanelwa batyholwa ukuba basebenzise ifowuni yexhoba ukuqhagamshelana nosapho, befuna intlawulo engaziwayo. Lo mba uxelwe kwibutho looKhetshe ukuze bawuphande.

Ebudeni bophando, abarhanelwa baye bakhangelwa ligqiza lophando kwaye babanjwe bobabini eGqeberha apho bafunyenwe beneselfowuni yexhoba.

Bobabini abarhanelwa bazakuvela okokuqala kwinkundla kamantyi yaseGqeberha ngomhla weshumi elinesibhozo kweyoMsintsi ngo2023

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks