Home Ulwaphulo-Mthetho Usomashishini utyholwa ngokuhlola kuye iR300,000 kwiNgxowa-mali yeCovid-19 endaweni yokuhlawula abasebenzi.

Usomashishini utyholwa ngokuhlola kuye iR300,000 kwiNgxowa-mali yeCovid-19 endaweni yokuhlawula abasebenzi.

Usomashishini oneminyaka engamashumi amathathu anane (34) ubudala waseMpuma Koloni ubengowokugqibela ukuvela enkundleni ngezityholo zobuqhophololo kwiSkimu sokuNceda uMqeshi seThutyana (Temporary Employment Relief Scheme) ngethuba le-Covid-19.

ULuyanda Brian Vava uvele enkundla kamantyi yaseMonti ngoMvulo, umhla wamashumi amabini anethoba kuTshazimpuzi 2024. Ujongene nezityholo zobuqhophololo kwaye ubanjwe kwiphulo elihlangeneyo phakathi kweCandelo loPhando loLwaphulo-mthetho oluPhakamileyo (elaziwa ngokuba ziiHawks) kunye neGunyabantu lezoTshutshiso (NPA).

OoKhetshe baseMpuma Koloni bathi uVava, nongumlawuli wenkampani iWidelink Technologies Pty Ltd, utyholwa ngokwenza olurhwaphilizo ngexesha lokuvalwa kwelizwe ngethuba le-Covid-19 ngo-2020.

“Ngo-2020 ngexesha lokuvalwa komsebenzi, abaqeshi baye bakhuthazwa ukuba baqhubeke nokuhlawula abasebenzi babo ze kamva bafake ibango lwe-‘Covid-19 Temporary Employer Relief Scheme (TERS)’,” sitshilo isithethi sooKhetshe uWarrant-Officer Ndiphiwe Mhlakuvana.

“Kutyholwa ukuba wenza ngabom nangokungekho mthethweni ibango kwi-Unemployed Insurance Fund (UIF) egameni labasebenzi bakhe esebenzisa inkampani yakhe.

UMhlakuvana uthe kutyholwa ukuba abasebenzi babikwa bekhanyela ukufumana intlawulo kumqeshi nto leyo ikhokelele kuphando lwe-‘Special Investigation Unit (SIU)’.

“Emva kwethuba lo mba uye wadluliselwa kooKhetshe ukuze baphonononge ngokucokisekileyo nto leyo ediza ukuba kukho ubuxoki obubambekayo obenziwe ukuqhatha i-UIF.

“Oku kwakhokelela kucalucalulo olungaphezulu kwamakhulu amathathu lamawaka eerandi (R300 000) kwibango labasebenzi bakhe.”

UVava ubanjwe ngoMvulo umhla wamashumi amabini anesithoba kuTshazimpuzi emva kokuvela kwakhe wakhululwa ngebheyile yewaka leerandi.

Lo mcimbi umiselwe umhla wamashumi amathathu nanye kuCanzibe ukuze kuqhutyekwe nophando.

 

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks