Home Iindaba Akhululiwe amatsha ntliziyo eqela leli ebebanjwe ngu Mkhosi kaSirayeli

    Akhululiwe amatsha ntliziyo eqela leli ebebanjwe ngu Mkhosi kaSirayeli

    By Sophumelela Singqotha 

    Unkosi-Mandla Mandela kunye neqela lamatsha ntliziyo eli ebebanjwe ngumkhosi ka Sirayeli basendleleni ebuyela kweli loMzantsi Afrika. Oku kulandela ukubanjwa kwabo kwiveki ephelileyo ngelixa bekwiphulo lokuzisa uncedo nenkonzo ezingu ndoqo kumaxhoba achatshazelwe yimfazwe eGaza.

     

    Phezolo uRhulumente ka Sirayeli ukhuphe umyalelo osesikweni ukuba uzakuba khulula abemi  beli ebebeselugcinweni. 

     

    UMphathiswa wesebe lemicimbi yamazwe ehlabathi (DIRCO) uRonald Lamola wenze umbulelo ongazenzisiyo kuwo onke amaqela achaphazelekayo, ngaphakathi nangaphandle, ngentsebenziswano nolungelelwaniso ekuqinisekiseni ukubuya kwabemi boMzantsi Afrika.

     

    Usapho lwasebukhosini bakwaMandela luvakalise amazwi ovuyo nombulelo ongazenzisiyo ngenkxaso eluyifumeneyo ngethuba kusenzeka esisiganeko.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks