Iqela looKhetshe(Hawks) lase Monti linyuse izinga kuphando lwalo kwityala lokubulawa kwePolisa lika 2024.
Ookkhetshe bakhuphe isibhengezo esingxamisekileyo kuluntu, becela uncedo ngolwazi olunokuthi lube negalelo ekusombululeni ityala lokubulawa kabuhlungu kwePolisa uSinethemba Msuthu (36), owayesebenza kwisikhululo samapolisa saseCambridge. Kuthiwa uMsuthu wayengasebenzi ngexesha kwenzeka esi sehlo.
Ukulahleka nokufunyanwa komzimba:
UMsuthu waxelwa njengomntu olahlekileyo ngomhla we-30 kuMeyi ka-2024, nto leyo eyakhokelela ekuqaleni kophando kunye nemizamo yokumfumana. Ngomhla woku-1 kuJuni ka-2024, umzimba wakhe wafunyanwa elunxwemeni lwaseWest Bank eMonti.
Iziphumo zoPhando lokuQala
Uphando lokuqala lwatyhila ukuba ixhoba lahlaselwa ngogonyamelo phambi kokubhubha kwalo. Ngenxa yobungqina obuqokelelweyo, ityala lahlenganga hlengiselwa ze laphononongwa ngokusesikweni lachazwa njengelokubulala.
Indima ye-DPCI:
I-Directorate for Priority Crime Investigation (DPCI), ithumele amaqela ophando akhethekileyo. IIHawks Ziqinisekisile ukuba zonke iindlela zophando ziyaphononongwa ngenjongo yokubanjwa nokutshutshiswa kwabarhanelwa.
