EZINGENAYO:
Kubhubhe abantu abasixhenxe ngelixa abahlanu bonzakele kakhulu entloko kwintlitheko lwengozi yeemoto ezibandakanya imoto yohlobo lwe-Sedan kunye ne-Avanza kwindlela u-R67 phakathi kweBhofolo kunye ne-Seymour malunga nemizuzu engamashumi amabini emveni kwentsimbi yesithandathu, umhla wamashumi amabini ananye kuTshazimpuzi 2024.
Bonke abakhweli abahlanu abangamadoda ebebekwele iSedan yakwaPolo Vivo babhubhele kwindawo yexhwayelo, ngelixa abantu ababini ebebekhwele kwi-Avanza, umqhubi oyindoda kunye nowasetyhini omnye baye babhubha ngoko nangoko ngenxa yokwenzakala kwabo.
IAvanza ebikhwele abantu abasixhenxe ibisuka eBhofolo isiya eSeymour ngelixa iPolo Vivo ibisuka eSeymour isiya eFort Beaufort ngethuba kusenzeka lengozi.
Bonke abonzakeleyo babalekiselwe kwisibhedlele saseBhofolo ukuze bafumane unyango olungxamisekileyo.
Idokethi lokubulala ngokungenanjongo, hayi ityala – livuliwe, njengoko bobabini abaqhubi bephakathi kwabangasekhoyo.
Siyakholwa Vuso