Home Ezemfundo Akukho namnye ongazukuya esikolweni ngenxa yokuswa

    Akukho namnye ongazukuya esikolweni ngenxa yokuswa

    Ukulwa nexesha elibandayo lasebusika neliye likhokelele ekubeni abafundi bangayi esikolweni de bazibonee bayeka isikolo.

    UMphathiswa wesebe lezeMfundo eMpuma Koloni, uFundile Gade ekunye nenkampani yesisa iJENN Trading, namhlanje bebephathele abafundi nabaphantsi koMaspala waseNgqushwa iiyunifomu kunye nezixhobo zokuxhasa abafundi abafanelekileyo nabaphuma kwizikolo ezine(4) kwiholo yoluntu iNcumisa Kondlo.

    Abafundi abaxhamlileyo kwezizipho zisuka kuMphathiswa.baphuma kwezizikolo zilandelayo:

    1. Thembalethu Secondary School

    2. Kama Secondary School 

    3. Fundani Secondary School

    1. Nathaniel  Pamla Secondary School

    Le projekthi ijonge ukubuyisela nokuzisa ukuzithemba kwabafundi esikolweni kunye nokuncipha kweengxelo zokungezi esikolweni. Banikwe izihlangu, izingxobo zokufunda kuquka nepasile zokutya.

    Eli phulo lika-MEC sele lixhamlise abafundi abangaphezulu kwewaka(1000). Ukanti leminikelo yenziwa nguMphathiswa ijonge kakhulu kubafundi abasweleyo okanye abo baphuma kumakhaya asokolayo kwiphondo liphela.

    Usodolophu waloMaspala uSanga Siyabulela Maneli, ebekho kwaye ebulela kwiSebe ngokusoloko lifaka isandla kananjalo besabela xa besiva isikhalo ngakubafundi.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks