Home Ezemidlalo Ezingenayo kwitafile yezemidlalo

    Ezingenayo kwitafile yezemidlalo

    Isigqeba esikhokela ibhola kwihlabatji iFIFA uqinisekile ukuba uzakuphanda emveni kokufumana isimbonono kwigqugula elilawula ibhola eMzantsi AFrika malunga nomdlalo ubuphakathi kwe Bafana Bafana Kunye neGhana

    IFifa uthi sele eqalisile ukuphanda ngokwenzekileyo kulomdlalo wokulwela indawo kwitumente yehlabathi ka2022 ububanjwe ngeCawe kule beki sivela kuyo.

    Esi simbonono sizeneSouth African Football Association u(SAFA) ngamafutshane. ISAFA ithi usompempe zonke izigqibo azenzileyo kulo mdlalo zincedise ilizwe lazeGhana ukuba liphumelele ngengqaku elinye kwelingekhoyo(1-0.). Kwezilandelayo ezikumila kunje, iqela leChippa United libhengeze ukuqumamisa uGavin Hunt njengomqeqeshi weliqela kwintsuku ezimbalwa ezidlulileyo.

    Eliqela lithi esisigqibo siphenjelelwa luthotho lweshwangusha lokufuma impumelelo enye(1) jwii kwimidlalo elishumi(10) edlawe kule season. Igqala leliqela uKurt Lenjies uzakuphelekwa nguSiyabulela Gwambi ukuxhuzula imikhala kweliqela laseGqeberha.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks