12.5 C
King William's Town
Monday, October 6, 2025

Kubhubhe abantu abahlanu, kwaze konzakala abalishumi elinesithathu kuquka umqhubi kwingozi yeemoto ezimbini

Kubhubhe abantu abahlanu (5), lo xa abanye aballishumi elinesithathu (13) bonzakele ngokumasikizi emva kokutshayisana kwezithuthi ezimbini—iToyota Quantum yaseKapa kunye neRenault SUV—kwindlela uN9 eGraaff-Reinet, malunga neekhilomitha ezingamaShumi amathathu (30) ukuya e-Aberdeen. Isiganeko senzeke namhlanje , malunga nentsimbi yesine (4: 00 am) ekuseni.

Zombini ezi zithuthi bezisuka kwelinye icala iRenault SUV ibinabakhweli abane (4) bebesuka eGraff Reinet besiya eArbedeen ngelixa iToyota Quantum enabalishumi elinesithathu (13) bebesuka eArbedeen besiya eGraff Reinet kuquka nomqhubi.

Abantu ebane ebebekhwele kwiRenault SUV babhubhe ngoko nangoko bonke ibingabantu basetyhini kuquka nentombazana eneminyaka elishumi elinanye (11) ubudala, ngelixa umntwana osemncinci eswelekele kwisibhedlele saseGraff Reinet bonke bephuma kwiRenault. Abonzakeleyo abaliShumi elinesithathu (13) ebebekhwele kwiToyota Quantum basiwe kwisibhedlele saseGraff Reinet ukuze bafumane uncedo olongezelelekileyo lonyango, abanye abonzakeleyo ababini (2) bekwimeko embi kakhulu, kwaye abalishumi elinanye (11) bafumene umonzakalo omkhulu.

Umqhubi weToyota Quantum uphakathi kwabo benzakeleyo kule ngozi. Oyena nobangela wale ngozi awukaziwa, nanjengoko abasemagunyeni basaphanda kwindawo yexhwayelo. Ityala lokubulala ngenjongo livuliwe kwisikhululo samapolisa aseGraaff-Reinet ukuze kuqhutyekwe nophando. UMphathiswa wezoThutho noKhuseleko loLuntu uXolile Nqatha uvakalise amazwi ovelwano kwiintsapho ezisentlungwini kwaye unqwenelele abakhweli abonzakeleyo ukuba bachache ngokukhawuleza.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
12.5 ° C
12.5 °
12.5 °
89 %
1.1kmh
100 %
Mon
25 °
Tue
25 °
Wed
26 °
Thu
24 °
Fri
22 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks