USekela Somlomo kwiNdlu yoWiso-mthetho yePhondo leMpuma Koloni, ulinguMlibo Qoboshiyane ekunye nosapho lwakhe benze umnikelo.
Lomnikelo nowaqalwa ngonyaka ka2010, iliphulo lokolula isandla kwabo bangathathi ntweni, ingakumbi abantu abadala kunye nolutsha olungaphangeliyo. Abo bazibona belusizi kuba bengenako okusiwa phantsi kwempumlo ngexesha leholide zokuphela konyaka.
UMlibo ukubone kubalulekile ukunikela athathe oko anako abelane nabantu kwiphulo elineminyaka elishumi elinesithathu(13) ngoku liqhuba. Kaloku kuleminyaka idlulileyo, ibilulutsha nabadala abaxhamli, kodwa kunyaka ka2023 kolulwa isandla nasebantwaneni abaphakathi kweminyaka emithandathu(6-14) ukuya kwelishumi elinesine ubudala. Oku kwenzeke ngomhla we(23 December 2023) eMisty Mount apho uMlibo azinze khona, ze waqhaqha iilekese nezipho zabantwana.
Bameme abantwana abangaphaya kwekhulu(100+) benikwa izimuncumuncu zalemihla kwaye besinwatyiswa nangemidlalo, nanjengoko ibilusuku lwabo. Ngethuba esichubela singonondaba belijelo, uthi “eliphulo lakhuthazwa ngunkosikazi wam. Mna ke nonyana omkhulu kunye notata omncinci saqinisekisa ukuba siyamxhasa kwaye elitheko liyaphumelela”
“Ngenene liye laphumelela kwaye nabantwana bebonwabile, nangona ke bekukho abo bebesoyika iintshebe zika(Father Christmas)ezinde” utshilo
Ukwathe injongo yokuba enze oku, kungenxa yokuba ngenye imini wabanethamsanqa lokufunda edolophini, wabona ubunewunewu bedolophu kuwuka namachibi alemidla okudada(swimming pool) wazixelela ukuba ngenye imini uyakunikela naye kwabo basezilalini nabangenalo elothamsanqa lokuqhuba kumachibi.
Ukanti ngolusuku, khange ibe nguphela sonwabe koko, abantwana benzelwa isidlo sakusasa kunye nesasemini.
Umtu ngumtu ngabantu
