Mzali wam masithethe, mnakwethu sibangisana ngantoni?
Lawo ngamazwi azakubuzwa kuxoxwa kungentsukubzatywala kwingqungquthela ezakubanjwa nguVuyolwethu Gwili weDora ngiza contractors eMonti(EL City hall) kwiholo yoluntu edolophini kanye ngosuku lokubhiyozelwa oomama.
Lengqungquthela izakuqala ngentsimbi yokuqala emini kwaye wonke ubani wamkelekile, ingakumbi lowo uthi lemibizo itsho kum, kuba iimeko ezinje ndijongene nazo. UVuyolwethu usibhalele esibalisela ngobomi bakhe kwakunye neenjongo zakhe ngokwenza lengqungquthela.
Igama lam ndingu Vuyolwethu Gwili, abaninzi bathi ndingu Vovo. Ekhaya ndingumntwana wokuqala, sizalwe singamantombi amane namadodana amabini. Ndizalelwe ndakhulela eMdantsane ndikhuliswa ngabazali bam bobabini. Ndingu Mlawuli oyiNtloko kwinkampani ebizwa iDira Yenza Contractors ejongene nokupheka kwizisusa ngezisusa.
Njengoko iCawa yomhla wesibhozo kule nyanga imiyo izakube inguMhla woMama, le nkampani iceba ukubamba umsitho phantsi kwesihloko esithi “Mzali Wam Masithethe”, ngolwimi lwasemzini oko kukuthi “My Parent Let’s Talk”. Ngesi sihloko lo msitho ugxile kubantwana nabazali abaye bathi ekuhambeni kwethuba babezintlaba- zohlukane ezingasengel’ ithungeni linye, ngenxa yemiceli mingeni abathi bajongane nayo apha ebomini, ibembi ngakumbi ke imeko xa naboo bazalwa nalo mntwana bethatha icala labazali- bumini umntwana lowo azibone engumlu wanyama. Amaxesha amaninzi le yinyewe ekuye kuhlalwe phezu kwayo kumakhaya amaninzi, ibe yindaba yakwamkhozi kungabikhomntu unesibindi sokuyishukuxa- ngelishwa ke libe ixhoba lale meko lisenzakala ngaphathi umhla nezolo.
Lo msitho ka “Mzali Wam Masithethe” uzama ukuvala umsantsa wandule ukuhlwayela uMoya woThando noXolelwano phakathi komzali nomntwana kwakunye nabo umntwana azalwa nabo. Ezimbalini ngumsitho wokuqala ngqaaa lo, kwaye iimpendulo neziqinisekiso ezibonakele kwiqonga lonxibelelwano uFacebook, apho bendikhuphe khona uxwebhu lwesibhengezo, zibonakalisa mhlophe ukuba iqela ebekujoliswa kulo linomdla kakhulu ukubayinxalenye yalo msitho.
Njengamntu oyiziyo ncakasane imeko yobudlelwane obuhexayo phakathi kwam nabazali bam kunye nabantwanabasekhaya, ndiyazi nqoo intlungu nobulolo bokuba koluhambo. Kungenxa yeso sizathu ke ukuba mna neqela lam endisebenzisana nalo siye sabona kufanelekile ukuba senze iqonga apho sizakudibana sonke sinike ithemba kwabo basazama ukuthubeleza kolu hambo.
Ukusoloko ndibalisa ngemeko nohambo lwam lokuba nobudlelwane obuhexayo nabazali bam nabantwana basekhaya, kuko ukundikhuthazileyo ukuba ndithi xa bendimenywa zizikhululo ngezikhululo zikanomathotholo zasekuhlaleni ndikwazi ukuphokoza imbilini yam ngohambo lwam. Yizani sabelane khon’ukuze siyicuntsule le ntlungu, sikwazi ukuqhubekeka! Ndiyabulela.
